Nehemiah 11:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo umongama waba‐Levi e‐Yerusaleme ebengu‐Huzi, unyana ka‐Bani, unyana ka‐Hashabiya, unyana ka‐Mataniya, unyana ka‐Mika. Kulo usapo luka‐Safa, abaculi bebepezu kwomsebenzi wendlu katixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umphathi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uzi unyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika koonyana baka-Asafu, iimvumi, malunga nomsebenzi wendlu kaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umlindi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uzi unyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika. Oonyana baka-Asafu babeziimvumi zomsebenzi wendlu kaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inkokheli yabaLevi eJerusalem yayingu-Uzi unyana kaBhani, kaHashabhiya, kaMataniya, kaMika. U-Uzi lo wayengomnye kwinzala ka-Asafu eyayikwiimvumi zenkonzo yendlu kaThixo.