Nehemiah 11:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
u‐Joweli, unyana ka‐Zikeri, ebengumongama wabo: no‐Juda, unyana ka‐Hasenuwa, ebepezu kwesixeko esesibini isahlulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
noYoweli unyana kaZikri, umphathi kubo, noYuda unyana kaSenwa, engowesibini kubaphathi bomzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYoweli unyana kaTzigri wayengumboniseli wabo, noYuda unyana kaSenwa, engowesibini kumphathi wesixeko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inkokheli yabo yayinguJoweli unyana kaZikri, yena uJuda unyana kaSenuwa evelele isiphaluka sesibini sesixeko.