Nehemiah 12:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aba‐Levi emihleni ka‐Eliyashibe, n o‐Yoyada, no‐Johanane, no‐Yaduwa, baba̔lwa ngokuba zintloko zendlu zoyise; kwa nabaperisite, kwada kwako ubukumkani buka‐Dariyusi um‐Peresiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Malunga nabaLevi, ngemihla kaEliyashibhi, noYoyada, noYohanan, noYaduwa, kwabhalwa iintloko zezindlu zooyise;nezababingeleli, ebukumkanini bukaDariyo umPersi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AbaLevi ngemihla kaEliyashibhi, uYehoyada noYohanan noYaduwa babhalwa njengeentloko zeentsapho zabo, nababingeleli kwada kwakulawula uDariyo umPersi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku iinkulu zemizi yabaLevi ngemihla kaEliyashibhi, kaJoyada, kaJohanan, noYaduwa kunye nezababingeleli zabhaliswa ngexesha lolawulo lukakumkani uDariyo wasePeshiya.