Nehemiah 12:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU ekutwasisweni kwodonga lwe‐Yerusaleme, kwafunwa aba‐Levi, kuzo zonke indawo zabo, ukuba baziswe e‐Yerusaleme, kuze kwenziwe ukutwasiswa ngokugcoba, nangokubulela, nangokuvuma, ngesimbali, na ngamaculo, nangehadi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ekusungulweni kodonga lweYerusalem kwafunwa abaLevi ezindaweni zabo zonke, ukuba baziswe eYerusalem, ukuba ukusungulwa kwalo kwenziwe ngovuyo, nangemibulelo, nangeengoma, nangamacangci, nangemirhubhe, nangeehadi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekusungulweni kodonga lwaseYerusalem, kwafunwa abaLevi kuzo zonke iindawo zabo ukuze babazise eYerusalem, ukuze kusungulwe ngovuyo, ngombulelo ngengoma ngamacangci ngeehadi ngeehadi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngethuba lonikezelo lodonga lwaseJerusalem abaLevi baya kufunwa apho babehlala khona, baza baziswa eJerusalem, ukuze balubhiyozele ngemihlali unikezelo olo ngeengoma zokubulela, becula bekhalisa amacangci, iihapu, nemirhubhe.