Nehemiah 12:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nasentla kwesango lika‐Frayime, nasentla kwesango elidala, nasentla kwesango lentlanzi, nenqaba ye‐Hananele, nenqaba ye‐Meha, kwada kwalisango legusha: bada bema esangweni lentolongo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
lasongamela isango lakwaEfrayim, nesango lodonga oludala, nesango leentlanzi, nenqaba ende kaHananeli, nenqaba ende kaHameha, lada leza esangweni lempahla emfutshane, bamisa esangweni lentolongo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
yaye ukususela encotsheni yeSango lakwaEfrayim ladlula kwiSango Elidala ladlula kwiSango Leentlanzi nakwinqaba ende kaHananeli nenqaba yaseMege ukuya kutsho kwiSango lezimvu; bema esangweni lentolongo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
salidlula iSango lakwaEfrayim, nelikaYeshana kunye neleeNtlanzi, neNqaba kaHananeli, naleyo yeKhulu, see xhaxhe ngeSango leeGusha. Yaza ke yema kwiSango labaLindi.