Nehemiah 12:43 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ngalomini babinga imibingo emikulu, bagcoba; ngokuba utixo ebebagcobisile ngomgcobo omkulu: abafazi nabantwana bagcoba nabo: kwaza kwavakala umgcobo we‐Yerusaleme kwada kwakude.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babingelela ngaloo mini imibingelelo emikhulu, bavuya;ngokuba uThixo ubebavuyisile ngovuyo olukhulu. Kananjalo abafazi nabantwana bavuya; kwavakala ukuvuya kweYerusalem namgama.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babingelela ngaloo mini imibingelelo emikhulu, bavuya; ngokuba uThixo ubebenzele uvuyo olukhulu; abafazi nabantwana bavuya, kangangokuba ukuvuya kweYerusalem kwavakala kude.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini ke benza amadini amaninzi bevuya, kuba uThixo ebathe jize ngovuyo olukhulu. Abafazi nabantwana nabo babechulumacha. Intsholo yemincili apho eJerusalem yayivakala nasekudeni.