Nehemiah 12:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kupatiswa ngeloxesha abatile pezu kwenkambili, ezendyebo, ezeminikelo, ezelibo, nezezishumi, kuze kuqokelelwe kuzo okwamasimi asezixekweni, izabelwa ezimiselwe abaperisite naba‐Levi ngumteto: ngokuba o‐Juda bebevuya pezu kwabaperisite napezu kwaba‐Levi abakonzayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mini kwamiswa amadoda okuphatha amagumbi okubangoovimba bemirhumo, neentlahlela, nezishumi, ukuba zifunjwe kuwo, ngokwemihlaba yemizi, izabelo ezimiselwe ababingeleli nabaLevi ngomyalelo; ngokuba amaYuda abevuya ngababingeleli nangabaLevi abemiyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha kwamiselwa abanye abaza kongamela amagumbi obuncwane neminikelo yentlahlela nesishumi, ukuze kuqokelelwe izabelo ezisemthethweni zababingeleli nabaLevi kumasimi ezixeko; uYuda wabavuyela ababingeleli nabaLevi ababelindile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke kwamiselwa amadoda okujonga oovimba bemirhumo, ulibo, kunye nezishumi. Kumasimi angqonge iidolophu ayeza kuthatha isabelo sababingeleli nabaLevi, asizise koovimba ngokommiselo womthetho. Kaloku uJuda wayanelisekile lulungiselelo lwabo babingeleli nabaLevi.