Nehemiah 13:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGEXESHA elo kwaleseshwa encwadini ka‐Mosesi ezindlebeni zabantu: kwaza kwafunyanwa kuba̔liwe kuyo, okokuba um‐Hamoni, umhlaumbi um‐Mowabi, akayi kungena emhlambini katixo kude kube ngunapakade;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mini kwaleswa encwadini kaMoses ezindlebeni zabantu;kwafunyanwa kubhaliwe kuyo ukuthi, Ama-Amon namaMowabhi makangangeni ebandleni likaThixo naphakade;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwangaloo mini bafunda encwadini kaMoses phambi kwabantu; kwaye kwafunyanwa kubhaliwe kuyo ukuba ama-Amon namaMowabhi akayi kungena ebandleni likaThixo ngonaphakade;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini ke incwadi kaMosis yafundwa ngokuvakalayo, besiva nabantu, kwaza ke kwafumaneka kubhaliwe apho kuyo kwathiwa akukho m-Amon namMowabhi uya kuze angeniswe ebandleni likaThixo.