Nehemiah 13:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako ndabona ukuba bekunganikwanga izabelwa zaba‐Levi: ngokuba aba‐Levi nabaculi, abawenza umsebenzi, bebesabele abanye ngabanye emasimini abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndazi ukuba izabelo zabaLevi abazinikwanga; ngokuba abaLevi neemvumi, ababesebenza umsebenzi, babebalekele elowo emhlabeni wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaqonda ukuba abaLevi babengazinikwanga izabelo zabo; ngokuba abaLevi neemvumi ababesebenzela bona basaba, elowo waya ezweni lakowabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo ndafumanisa ukuba izabelo zabaLevi abasazinikwa, kuba bona kunye neemvumi ezilungiselelayo, xa bebonke babebuyele emasimini abo.