Nehemiah 13:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndasuka ndapika namagosa, ndati: Yinina ukuba indlu katixo ishiyiwe? Ndaza ndabahlanganisa, ndabamisa endaweni yokuma yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabambana nabaphathi, ndathi, Yini na ukuba indlu kaThixo ishiywe nje? Ndababutha, ndabamisa esikhundleni sabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabakhalimela abathetheli, ndathi, Indlu kaThixo ishiyiwe? Ndabaqokelela ndaza ndazibeka endaweni yazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ndawakhalimela amagosa, ndawabuza ndathi: “Ngani ukuba ingakhathalelwa kangaka indlu kaThixo?” Ndababiza ke ndabaqokelela, ndabamisa ngeendawo zabo.