Nehemiah 13:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwahlala kona nabase‐Tire, abazisa intlanzi, nento zonke zokutengwa, batengisa elusatsheni luka‐Juda, nase‐Yerusaleme, ngesabata.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakuhleli khona nabaseTire, bezise iintlanzi neento zonke zentengiso; bethengisa ngesabatha koonyana bakaYuda eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kukho nabafo baseTire, ababemi khona, besiza neentlanzi neento zonke, bethengisa ngazo ngesabatha koonyana bakaYuda nabaseYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amadoda aseTire awayehlala eJerusalem ayesiza neentlanzi nazo zonke izinto ezithengiswayo ezithengisa kubantu bakwaJuda apho eJerusalem ngoMhla wokuPhumla.