Nehemiah 13:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndapika nemiduna yakwa‐Juda, ndati kuyo: Yinto nina lento ikohlakeleyo niyenzayo, ninco̔lisa nje umhla wesabata?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabambana nabanumzana bakwaYuda, ndathi kubo, Yintoni na le nto imbi kangaka niyenzayo, niwuhlambelayo umhla wesabatha?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabambana nezikhulu zakwaYuda, ndathi kubo, Bububi buni na obu nibenzayo, niwuzukisa nje umhla wesabatha?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndazikhalimela izikhulu zakwaJuda, ndisithi kuzo: “Yinkohlakalo yani le niyenzayo – ukuxabhela uMhla wokuPhumla?