Nehemiah 13:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, nxa amasango e‐Yerusaleme atelwa ncwalazi ingekafiki icawa, ndaxela ke, kwavalwa ingcango; ndabuya ndaxela ukuba mazingavulwa kude kupele isabata; nakwizicaka zam ndamisa inxenye ngasemasangweni, ukuze kungangeniswa namnye umtwalo ngomhla wesabata.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bekusithi, kwakuba lungcwalazi phakathi kwamasango aseYerusalem phambi kwesabatha, ndithi mazivalwe iingcango;ndithi mazingavulwa ide igqithe isabatha. Ndamisa inxenye yamadodana akwam emasangweni, ukuze kungangeniswa mthwalo ngemini yesabatha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi kwakuba mnyama amasango aseYerusalem ngaphambi kwesabatha, ndathi makavalwe amasango, ndathi makavulwe kuphela emva kwesabatha; emasangweni, kungathwaliswa mthwalo ngomhla wesabatha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakusithi xa athi rhece amathunzi kumasango aseJerusalem ngomhla owandulela uMhla wokuPhumla, ndiyalele ukuba zivalwe iingcango, ze zingavulwa ude udlule uMhla wokuPhumla. Amanye amadoda am ndawamisa emasangweni ukuze agade kungangeniswa mthwalo ngoMhla wokuPhumla.