Nehemiah 13:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngenxa yokuba bebengezi nesonka namanzi ukukaulela usapo luka‐Sirayeli, nokuba bebemqesha ngakulo u‐Bilame, aze aluqalekise: kodwa utixo wetu waguqula isiqalekiso sibe litamsanqa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba engabakhawulelanga oonyana bakaSirayeli enesonka namanzi; esuka abaqeshela uBhileham, ukuba abaqalekise; ke uThixo wethu wayiguqula ingqalekiso yaba yintsikelelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngokuba engabakhawulelanga oonyana bakaSirayeli enesonka namanzi; asuka aqesha uBhileham, ukuba abaqalekise; ke uThixo wethu wayiguqula ingqalekiso yaba yintsikelelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ezi ntlanga zona zange ziwamkele ziwaphe kutya namanzi amaSirayeli, koko zasuka zawathengela uBhalam ukuba awashwabulele. Kambe ke uThixo wethu elo lishwa waliguqula walenza ithamsanqa.