Nehemiah 13:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndapika nawo, ndawatuka, ndabeta amadoda atile kuwo, ndancotula inwele zawo, ndawafungisa utixo, ngokuti: Intombi zenu aniyi kuzendisa konyana babo, nentombi zabo aniyi kuzitabatela onyana benu, aniyi kuzizeka nani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabambana nawo, ndawatshabhisa, ndabetha amadoda kuwo, ndawadlathula iinwele, ndawafungisa uThixo ngokuthi, Inene, iintombi zenu aniyi kuzendisela koonyana babo, neentombi zabo aniyi kuzizekela oonyana benu, aniyi kuzizeka nani ngokwenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndalwa nawo, ndawatshabhisa, ndabetha amadoda kuwo, ndawanyothula iinwele, ndawafungela uThixo, ndathi, Ize ninganikeli iintombi zenu koonyana babo, oonyana benu ningabazekeli oonyana benu, iintombi zabo ingenguwe okanye wena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndabakhalimela ndabaqalekisa. Amanye aloo madoda ndawabetha, ndawaxhwitha iinwele amanye. Ndathi makafunge egameni likaThixo, ndisithi: “Aniyi kuzinikela iintombi zenu zithathwe ngoonyana babo, ningayi kubayeka noonyana benu bathathe iintombi zabo, ukanti nani ngokwenu.