Nehemiah 13:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bekungengezizinto na wonayo u‐Solomone ukumkani wo‐Sirayeli? noko pakati kwezizwe ezininzi akwabiko ukumkani njengaye, owatandwa ngutixo wake, wada utixo wammisa ukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke: kwa yena lowo abafazi bezinye intlanga bamenza one.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayengone ngenxa yabo yini na uSolomon, ukumkani wamaSirayeli? Ezintlangeni ezininzi kwakungekho kumkani unjengaye: ubethandwa nguThixo wakhe, uThixo wamnika ukuba ngukumkani wamaSirayeli onke; naye lowo bamonisa abafazi bezinye iintlanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayengone na uSolomon, ukumkani wakwaSirayeli? Noko ke, ezintlangeni ezininzi kwakungekho kumkani unjengaye, ethandwa nguThixo wakhe, yaye uThixo wamenza ukumkani kumaSirayeli onke; nangona kunjalo, uyabagxeka abanye abafazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andithi na kaloku ukumkani kaSirayeli uSolomon wôna kwangale mitshato? Kuzo zonke izizwe akukho kumkani wayefana naye. Wayethandwa nguThixo wakhe, waza wamenza ukumkani phezu koSirayeli ephela, kodwa ke abafazi abaziintlanga bamrhuqela esonweni.