Nehemiah 13:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku omnye konyana baka‐Yoyada, unyana ka‐Eliyashibe umperisite omkulu, ebengumyeni ku‐Sanebalati um‐Horonayime: ngako ndamgxota kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku koonyana bakaYoyada, unyana kaEliyashibhi, umbingeleli omkhulu, bekukho kubo ongumyeni kwaSanebhalati waseHoron; ndamgxotha ke kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke koonyana bakaYehoyada, unyana kaEliyashibhi, umbingeleli omkhulu, bekukho kubo ongumyeni kwaSanebhalati waseHoron; ke ngoko, ndamgxotha kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Omnye koonyana bakaJoyada unyana kaEliyashibhi umbingeleli omkhulu wayethathe intombi kaSanebhalati umHoron. Ke mna ndamgxotha uJoyada.