Nehemiah 13:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wamenzela inkambili enkulu, apo bekufuda kubekelwa kona iminikelo yokudla, ne ntlakamhlope, nempahla, nezishumi zenqolowa, n ezeveyine entsha, nezeoli, ezibe zimiselwe aba‐Levi, nabaculi, nabalindimnyango; neminikelo yabaperisite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wamenzela igumbi elikhulu, apho bekufudula kubekwa khona umnikelo wokudla, nentlaka emhlophe, nempahla, nezishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, ezibe zimiselwe abaLevi neemvumi nabamasango; nemirhumo yababingeleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamlungiselela igumbi elikhulu, ababebeke kulo ngaphambili iminikelo etshiswayo, isiqhumiso neembiza, nesahlulo seshumi sengqolowa nesewayini neseoli esasetyenziselwa sona wathi, mabanikwe abaLevi neemvumi nabagcini-masango; neminikelo yababingeleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wada ke wamnika nendlu enkulu eyayinguvimba weminikelo yeenkozo, isiqhumiso kunye nezinto zendlu kaThixo. Zazilapho nezishumi zeenkozo, iwayini entsha, kunye namafutha omnquma, zinto ezo ke zazimiselwe ukuba sisabelo sabaLevi, iimvumi, nabalindi-masango, kwanemirhumo esisabelo sababingeleli.