Nehemiah 13:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ngalo lonke eli xesha, ndibe ndingeko e‐Yerusaleme: ngokuba ngomnyaka wamashumi matatu anesibini ka‐Aretashasheta ukumkani we‐Babilone, bendizile kukumkani; nasekupeleni kwemihla etile ndacela kukumkani ukuba ndibuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekwenzekeni oko konke bendingekho eYerusalem; ngokuba, ngomnyaka wamashumi amathathu anesibini ka-Artashashta ukumkani waseBhabheli, ndaya kukumkani ekupheleni kwemihla, ndacela kukumkani ukuba ndibuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ebudeni beli xesha lonke bendingekho eYerusalem, ngenxa yokuba, ngomnyaka wamashumi amathathu anesibini ka-Artashashta ukumkani waseBhabheli, ndeza kukumkani, ndaza emva kweentsuku ezithile ndacela kukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngeli thuba kwenzeka ezi zinto, mna ndandingekho eJerusalem. Kaloku ngonyaka wamashumi amathathu anambini wolawulo lukakumkani uAtashasta waseBhabheli ndakhe ndabuyela komkhulu eBhabheli. Emva kwethutyana ke ndabuya ndacela,