Nehemiah 2:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute ngenyanga yo‐Nisane, ngowamashumi mabini umnyaka ka‐Aretashasheta ukumkani, iveyine ibipambi kwake: ndaza ndatabata iveyine leyo, ndanika kukumkani. Kekaloku bendifudula ndingabi lusizi ebusweni bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngenyanga enguNisan, ngomnyaka wamashumi amabini ka-Artashashta ukumkani, yabakho iwayini phambi kwakhe, ndayithabatha iwayini leyo, ndayinika ukumkani. Ke ndibe ndingazanga ndibonakale ndithe khunubembe phambi kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenyanga enguNisan, ngomnyaka wamashumi amabini ka-Artashashta ukumkani, bekukho iwayini phambi kwakhe, ndayithabatha iwayini leyo, ndayinika ukumkani. Ngoku ndandingenalusizi phambi kwakhe ngaphambili.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenyanga uNisan kunyaka wamashumi amabini kakumkani uAtashasta, ngethuba lokunikwa kwakhe iwayini, ndayithatha iwayini leyo ndamnika. Ukumkani wayengazange andibone ndilusizi ngaphambili,