Nehemiah 2:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakuviwa ngu‐Sanebalati um‐Horonayime, no‐Tobiya isicaka, um‐Hamoni, kwabuhlungu kubo ngobuhlungu obukulu ukuba bekufikile umntu ukuza kufuna ubutamsanqa bosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi ke ooSanebhalati waseHoron, noTobhiya umkhonzi, umAmon, bakuyiva loo nto, kwaba kubi kubo ngobubi obukhulu, ukuba kufike ununtu ofuna ukuba kulunge koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uSanebhalati umHoron noTobhiya umkhonzi womAmoni bakuyivayo loo nto, baba buhlungu kakhulu xa kwafika enye indoda ukuze incede oonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USanebhalati umHoron, noTobhiya igosa lom-Amon, bathe bakuyiva le nto, suka bakhathazeka yinto yokuba kubekho umntu oze kuphuhlisa intlalo-ntle yamaSirayeli.