Nehemiah 2:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndesuka ebusuku, mna namadoda angemaninzi kunye nam; kodwa andaxelela mntu into utixo wam abeyingenisile entliziyweni yam ukuyenza e‐Yerusaleme; kanjalo akwabiko nam nasilo, kupela esosilo ndakwela kuso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndesuka ebusuku, mna ndinamadoda ambalwa. Andixelelanga mntu into abeyingenise entliziyweni yam uThixo wam, ukuba ndiyenzele iYerusalem. Ndibe ndingenamaqegu, ibilelo lodwa bendikhwele kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndavuka ebusuku, ndinamadoda ambalwa; Andixelelanga mntu into abeyibeke entliziyweni yam uThixo wam, ukuba ndiyenzele eYerusalem; Ndibe ndingenamaqegu, ibilelo lodwa bendikhwele kulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndaphuma ngobusuku ndinebathwana lamadoda. Zange ndixelele mntu ngento uThixo wam ayibeke entliziyweni yam ukuba ndiyenzele iJerusalem. Kwakungekho nazinto zokukhwela ngaphandle kwaleyo ndandikhwele kuyo.