Nehemiah 2:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndati kubo: Niyabona ilishwa esikulo tina, lokuba i‐Yerusaleme icitakele, nokuba amasango ayo atshisiwe ngomlilo; yizani, masake udonga lwe‐Yerusaleme, ukuze singabi sesisigxekwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi kubo, Niyabubona ububi esikubo, ukuba iYerusalem ilinxuwa, namasango ayo atshiswe ngomlilo; yizani, sakhe udonga lweYerusalem, singabi saba lungcikivo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi kubo, Niyabubona ububi esikubo, ukuba iYerusalem yinxuwa, ukuba iingcango zayo zitshiswe ngomlilo; yizani silwakhe udonga lweYerusalem, singabi saba lihlazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndaza ndathi kubo: “Ngaba niyayibona na le nkxwaleko sikuyo? IJerusalem ingamabhodlo; amasango ayo atshiswe ngomlilo. Ngoko ke yizani sizivuse iindonga zeJerusalem, ukuze siphume ehlazweni.”