Nehemiah 2:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndati kuye ukumkani: Makapile ukumkani kude kube ngunapakade! kunganina ukuba ubuso bam bungabi lusizi, oko isixeko, indawo yamancw̔aba obawo, sicitakele, namasango aso agqityelwe ngumlilo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi kukumkani, Ukumkani makadle ubomi ngonaphakade.Bebungathini na ukuba ubuso bam bungabi bubi, ulinxuwa nje umzi lowa, indawo yamangcwaba oobawo, amasango awo etshiswe ngomlilo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kukumkani, Ukumkani makadle ubomi ngonaphakade; Yini na ukuba ubuso bam bungabi bubi, ulinxuwa nje umzi, indawo yokungcwaba ooyihlo, amasango awo etshiswe ngomlilo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kodwa ndathi kukumkani: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani! Bebungathini ubuso bam ukungathi rhubaxa xa isixeko abângcwatywa kuso oobawo singamabhodlo, amasango aso etshatyalaliswe ngomlilo?”