Nehemiah 2:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandisiti kukumkani: Ukuba kunga kulungile kukumkani, nokuba isicaka sako sifumene ufefe ebusweni bako, ndinga ungandituma ukuya kwa‐Juda, esixekweni samancw̔aba obawo, ukuze ndisake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi kukumkani, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, ukuba umkhonzi wakho lo uthe walungisa phambi kwakho, ndinga ungandithuma kwaYuda, kuwo umzi wamangcwaba oobawo, ndiwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi kukumkani, Ukuba ukumkani uthe wakubona kufanelekile, ukuba umkhonzi wakho lo abona kulungile kuwe, ndithumele kwaYuda, kuwo umzi wamangcwaba kabawo, ndiwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndaza ke ndathi kukumkani: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, nesicaka sakho esi sisamkeleka kuwe, ndithume kwelakwaJuda kwisixeko abângcwatywa kuso oobawo, ukuze ndisivuse.”