Nehemiah 2:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wati kum, (ukumkanikazi ehleli ngakuye:) Ihambo yako yoba yeyexesha elingakananina? wobuya ninina? Kwada kwanga kulungile kukumkani ukundituma: ndaza ndammisela umzuzu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani kum (ukumkanikazi ehleli ngasecaleni lakhe), Uhambo lwakho loba lolwexesha elingakanani na? Wobuya nini na?Kwalunga ke kukumkani ukundithuma, ndakuba ndimmisele ixesha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani kum (ukumkanikazi ehleli naye), Uhambo lwakho loba lolwexesha elingakanani na? kwaye uya kubuya nini? Ngoko ke, ukumkani wavuma ukundithuma; ndamnika ixesha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani, enokumkanikazi ecaleni kwakhe, wathi kum: “Loba ngakanani olo hambo; khona, uya kubuya nini?” Kwakholeka ke kukumkani ukundikhulula, ndaza ke ndammisela ixesha.