Nehemiah 2:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndalekela ndati kukumkani: Ukuba kunga kulungile kukumkani, mandipiwe incwadi kwinkosi ezipesheya kwomlambo, zokuba zindidlulise ndide ndifike kwa‐Juda;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi kukumkani, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe incwadi eya kumabamba aphesheya koMlambo, andiyeke ndidlule ndide ndiye kufika kwaYuda;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo ndathi kukumkani, Ukuba ukumkani uthe wathanda, mabanikwe iincwadi zam eziya kumabamba anganeno koMlambo, aze andise kwaYuda;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo ndathi kuye: “Ukuba uyakholwa, kumkani, uze undinike iileta eziya kubalawuli belentshona ye-Efrati, ukuze bangandithinteli ukudlulela kwelakwaJuda.