Nehemiah 3:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emva kwake kwalungiswa ngu‐Nehemiya unyana ka‐Hazebuke, inkosi yesiqingata sesahlulo sase‐Bete‐tsure, kwada kwamalungana namancw̔aba ka‐Davide, nakude kwakulo icibi elibe lenziwe, nakude kwakuyo indlu yamagoṙa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emva kwakhe kwakulungiswa nguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umphathi wesiqingatha sesithili seBhete-tsure, kwesa malunga namangcwaba kaDavide, kwesa echibini elibe lenziwe, kwesa nasendlwini yamagorha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kwakhe uNehemiya unyana ka-Ashbhuki, isiqingatha senkosana yaseBhete-tsure walungisa ukuya kutsho kwindawo ephambi kwengcwaba likaDavide ukuya echibini elalenziwe apho ukuya kufikelela kwindlu yamagorha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphaya kwakhe yayinguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umlawuli wesiqingatha seBhete-zure. Walungisa wada wajongana namangcwaba akwaDavide, wee xhaxhe ngequla elakhiweyo nendlu yabalindi.