Nehemiah 3:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakufupi naye walungisa u‐Hezere unyana ka‐Yoshuwa, inkosi ye‐Mitsipa, enye indawana elinganisiweyo, malungana nendawo enyukayo ngasendlwini yezixo̔bo, ekujikeni kwodonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngakuye kwakulungiswa nguEzere unyana kaYeshuwa, umphathi weMizpa, esinye isithuba, malunga nendawo enyukayo ngasendlwini yezikrweqe ekujikeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphambi kwakhe uEzere unyana kaYeshuwa, inkosana yaseMizpa wayelungisa enye indawo emalunga nomnyango wendawo yokugcina izikrweqe embombeni yodonga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakulandela uEzere unyana kaYeshuwa umlawuli weMizpa, elungisa enye indawo ukusukela ekunyukeni kwidolo eliya kwiNqaba yeziXhobo.