Nehemiah 3:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emva kwake kwalungisa u‐Binuwi unyana ka‐Henadade enye indawana elinganisiweyo, kwa sendlwini ka‐Hazariya kwada kwasekujikeni kwodonga, nakude kwakulo igumbi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emva kwakhe kwakulungiswa nguBhinwi unyana kaHenadade, esinye isithuba; kwathabathela endlwini ka-Azariya, kwesa ekujikeni, kwesa embombeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kwakhe kwakulungiswa nguBhinuwi unyana kaHenadade, esinye isithuba; kwathabathela endlwini ka-Azariya, kwesa embombeni yodonga, kwesa embombeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngakuye yayinguBhinuwi unyana kaHenadadi elungisa enye indawo esukela kwindlu ka-Azariya ukuya edolweni nakuyo ikona.