Nehemiah 3:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Palale unyana ka‐Uzai walungisa malungana nokujika kwodonga, nenqaba epuma ngapandle kwendlu ende yokumkani, ebikufupi nenkundla yentolongo. Emva kwake kwalungisa u‐Pedaya unyana ka‐Paroshe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakulungiswa nguPalali unyana kaUzayi, ethabathela malunga ekujikeni, nasenqabeni ephezulu, edulusele endlwini yokumkani, ngasentendelezweni yentolongo. Emva kwakhe kwakulungiswa nguPedaya unyana kaParoshe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uPalali unyana kaUshayi, emalunga nembombo yodonga, nakwinqaba evelele yendlu yokumkani, ngasentendelezweni yentolongo. Emva kwakhe nguPedaya unyana kaParoshe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPalali unyana kaUzayi wayesebenza malunga nedolo nenqaba evelele amantla ebhotwe kufuphi nenkundla yabalindi. Kufuphi naye yayinguPedaya unyana kaParoshe