Nehemiah 3:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo aba‐Netini, a bebehlala e‐Hofeli, balungisa kwada kwamalungana nesango lamanzi ngasempumalanga, nenqaba epumayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
(Ke kaloku abakhonzi betempile babehlala eOfele, besa malunga nesango lamanzi empumalanga, nenqaba ende edulusele ngaphandle.)
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, amaNethini ahlala eOfele, ukuya kutsho kummandla ongakwimpuma yeSango laManzi nakwinqaba eveleleyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kunye nezicaka zendlu kaThixo ezazihlala kwinduli iOfeli, zalungisa zaya kuma ngakwiSango laManzi ngasempuma nakwinqaba eveleleyo.