Nehemiah 3:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emva kwake kwalungisa u‐Hananiya unyana ka‐Shelemiya, no‐Hanune owesitandatu unyana ka‐Tsalafe, enye indawana elinganisiweyo. Emva kwake kwalungisa u‐Meshulame unyana ka‐Berekiya malungana nenkambili yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emva kwakhe kwakulungiswa nguHananiya unyana kaShelemiya, noHanun unyana wesithandathu kaTsalafi, esinye isithuba. Emva kwakhe kwakulungiswa nguMeshulam unyana kaBherekiya, malunga negumbi lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kwakhe kwakulungiswa nguHananiya unyana kaShelemiya, noHanun unyana wesithandathu kaShelafu, esinye isithuba. Kwathi emveni koko, uMeshulam, unyana kaBheriya, wayilungisa indlu yakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayelandelwa nguHananiya unyana kaShelemiya noHanun unyana wesithandathu kaZalafi belungisa enye indawo. Ngakubo yayinguMeshulam unyana kaBherekiya esakha malunga nendawo awayehlala kuyo,