Nehemiah 3:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nesango elidala balilungisa u‐Yoyada unyana ka‐Paseha, no‐Meshulame unyana ka‐Besodiya; balihlanganisa, bamisa ingcango zalo, nezitshixelo zalo, nemivalo yalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isango lodonga oludala lalilungiswa ngoYoyada unyana kaPaseha, noMeshulam unyana kaBhesodiya; bona balihlanganisa ngemiqadi; bazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iSango Elidala lalilungiswa ngoYoyada unyana kaPasaki, noMeshulam unyana kaBhesodiya; bayifaka imiqadi, bazifaka iingcango zalo, nezitshixo zalo, nemivalo yalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJoyada unyana kaPaseya noMeshulam unyana kaBhesodiya balungisa iSango eliDala. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.