Nehemiah 4:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndakangela, ndesuka, ndati kwimiduna, nakumagosa, nakwabanye abantu: Ningazoyiki; kumbulani inkosi, leyo inkulu eyoyikekayo, nibalwele abazalwana benu, n onyana benu, nentombi zenu, n abafazi benu, nezindlu zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndakhangela, ndasuka ndathi kubanumzana, nakubaphathi, nakwabanye abantu, Musani ukuboyika; khumbulani iNkosi enkulu eyoyikekayo, nilwele abazalwana benu, noonyana benu, neentombi zenu, nabafazi benu, nezindlu zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndakhangela, ndaphakama, ndathi kubanumzana, neerhuluneli nakwabanye abantu, Musani ukuboyika; khumbulani uYehova omkhulu owoyikekayo, nibalwele abazalwana benu, noonyana benu, neentombi zenu, nabafazi benu, nezindlu zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kokuba ndikhe ndaqwalasela ndajonga, ndasuka ndathetha nezikhulu, namagosa, nabanye abantu, ndathi: “Musani ukuboyika; khumbulani iNkosi, ingangalala eyoyikekayo, nibalwele abantakwenu, oonyana neentombi, abafazi namakhaya enu.”