Nehemiah 4:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati emva kweloxesha, esinye isiqingata sezicaka zam zasebenza emsebenzini, nesinye isiqingata sazo zabamba intshuntshe, n amakaka, nezipeta, nehempe zentsimbi: kanjalo inkosi bezisemva kwayo yonke indlu ka‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ukususela kuloo mini, esinye isiqingatha samadodana akwam sasebenza emsebenzini, esinye isiqingatha saphatha izikhali, neengweletshetshe, izaphetha, neengubo zentsimbi;kananjalo abaphathi babeyixhasile yonke indlu kaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukususela ngelo xesha isiqingatha sabakhonzi bam sasebenza, esinye isiqingatha sabo siphethe iincula, namakhaka, nezaphetha, nabaninimzi; nezikhulu zazisemva kwendlu yonke yakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukusuka loo mini ke isiqingatha samadoda am saba semsebenzini, sabe ke esinye sixhobe sif' amacala ngoomikhonto, oomakhaka, oozintolo, nezikhuselo. Amagosa ke ema emva kwabo bonke abantu bakwaJuda