Nehemiah 4:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wateta ebusweni babazalwana bake nempi yase‐Samariya, wati: Yinto nina ayenzayo lama‐Juda abutataka? onqabisa ngokwawo na? owenza amadini na? ogqiba emhleni mnye na? opilisa amatye ezimfumbeni zenkunkuma na, noko zitshisiweyo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha phambi kwabazalwana bakhe nempi yakwaSamari, wathi, Enza ntoni na la maYuda antshwenyileyo? ozinqabisa na?obingelela na? ogqiba namhla na? owavusa na amatye kwezi mfumba zothuli, etshile nje?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha phambi kwabazalwana bakhe naphambi kwamaqela aseSamariya, wathi: “Enza ntoni na la maYuda abuthathaka? baya kuziqinisa na? baya kubingelela na? ziya kuphela ngamini-nye? Angawasusa na amatye kwiimfumba zenkunkuma?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ethetha bekho noogxa bakhe nomkhosi waseSamariya. Wayesithi: “Zenza ntoni ezi ngcekengceke zamaJuda? Athi angaluvusa na olu donga lwawo? Ngaba aza kwenza amadini, asuke agqibe ukwakha udonga ngemini enye? Ngaba oba nako ukuwenza asebenziseke la matye akwezaa ngqumba zenkunkuma, lawa atshileyo?”