Nehemiah 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Tobiya um‐Hamoni ebengakuye, wati: Kwa oko akwakayo, ukuba kwonyuka impungutye, yosel’ icita udonga lwamatye lwawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uTobhiya umAmon, engakuye, wathi, Nale nto ayakhayo, kungathi kunyuke impungutye le, iluqhekeze udonga lwawo lwamatye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uTobhiya umAmon wayenaye, wathi, Nokuba yintoni na abayakha ngayo, ukuba kuthe gqi impungutye, iya kuluchitha udonga lwabo lwamatye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uTobhiya umAmon owayesecaleni kwakhe wathi: “Iyintoni yona khona le bayakhayo? Kolu donga lwabo lwamatye kungathi kuqabele impungutye lusuke luwe!”