Nehemiah 4:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saza salwaka udonga; kwaye kubandakanywa udonga lwonke kwada kwasisiqingata sobude balo: ngokuba abantu bebenentliziyo yokusebenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Salwakha ke udonga, lwadityaniswa lonke udonga, kwesa esiqingatheni sokuphakama kwalo. Abantu babenentliziyo yokusebenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sakha ke udonga; kwahlanganiswa udonga lonke, kwada kwesiqingatha salo; ngokuba amadoda abekhuthalele ukusebenza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke saqhuba salwakha udonga lwada lwasisiqingatha ukuphakama. Kaloku abantu babesebenza ngokuzinikela.