Nehemiah 4:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, kwakuviwa ngu‐Sanebalati, no‐Tobiya, nama‐Arabi, naba‐Hamoni, nama‐Ashedode, ukuba kwahanjiswa ukulungiswa kwendonga ze‐Yerusaleme, n okuba intanda zaqala ukuvingcwa, kwandul’ ukuvuta umsindo wabo kakulu,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuva uSanebhalati, noTobhiya, nama-Arabhi, nama-Amon, nama-Ashdode, ukuba ziyenyuswa iindonga zeYerusalem;ukuba ziqaliwe, ziyavingcwa iintanda: wavutha umsindo wabo kunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa xa uSanebhalati noTobhiya nama-Arabhu noonyana baka-Amoni noAshdode bevayo ukuba iindonga zeYerusalem zazakhiwe nokuba iintanda zazisele zivaliwe, bavutha ngumsindo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USanebhalati, uTobhiya, ama-Arabhu, ama-Amon, namadoda aseAshdode, bathi bakuva ukuba umsebenzi wokuvusa iindonga zeJerusalem uqhubele phambili, zaye nezikhewu zivaliwe, basuka bakhathazeka gqitha.