Nehemiah 5:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako ndavutulula ingubo yam, ndati: Makenje njalo utixo ukuvutulula bonke abasukuba bengafezi elilizwi, ezindlwini zabo, nasekuqwebeni kwabo; mabavutululwe kwa ngokunjalo, babe zé. Yati ke yonke intlanganiso: Amene! yamdumisa uyehova. Baza abantu benza ngalo elilizwi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo ndavuthulula isondo lengubo yam, ndathi, UThixo makenjenje ukubavuthulula ezindlwini zabo, nasekuxelengeni kwabo, bonke abantu abangayi kulimisa elo lizwi; mabenjiwe nje ukuvuthululwa, balambathe. Lathi lonke ibandla, Amen; bamdumisa uYehova. Benza ke abantu ngokwelo lizwi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndavuthulula ingubo yam, ndathi, uThixo makenjenje, elowo endlwini yakhe, nasemsebenzini wakhe, nabani na ongawufeziyo lo mbandela naye wancothulwa kwangolo hlobo, engaswele nto. Lathi lonke ibandla, Amen, bongani uYehova; Abantu bayenza loo nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndawuvuthulula umnweba wam ndisithi: “Ngamana wenjenje uThixo ukuyivuthulula indlu yakhe, kunye naye nabani na onezinto, ongavumiyo ukusifezekisa esi sithembiso. Umntu onjalo makavuthululwe ashiywe eyimpula kalujaca!” Ndithe ke ndakutsho, ibandla lonke lathelela lathi: “*Amen,” lamdumisa uNdikhoyo. Ngenene ke abantu benza ngokwesithembiso sabo.