Nehemiah 5:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako kuseloko bendimiselwa ukuba yinkosi yabo elizweni lakwa‐Juda, kwa kuwo owamashumi mabini umnyaka kwada kwakuwo owamashumi matatu anesibini umnyaka ka‐Aretashasheta ukumkani, iyiminyaka ilishumi elinamibini, isonka senkosi asisidlanga mna nabazalwana bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo kususela kumhla endamiselwa ukuba ndibe libamba labo ezweni lakwaYuda, ndithabathela kumnyaka wamashumi amabini, ndezisa kumnyaka wamashumi amathathu anamibini ka-Artashashta ukumkani, iyiminyaka elishumi elinamibini, mna nabazalwana bam asidlanga kudla kwabamba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, ukususela kwixesha endamiselwa ngalo ukuba ndibe yirhuluneli yabo kwilizwe lakwaYuda, ukususela kunyaka wamashumi amabini ukuya kutsho kunyaka wamashumi amathathu anesibini ka-Artashashta, oko kukuthi, iminyaka elishumi elinesibini, mna nabantakwethu asizange siwudle umthendeleko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphezu koko ke, ukusukela kunyaka wamashumi amabini kakumkani uAtashasta, ekumiselweni kwam ukuba ndibe ngumlawuli welakwaJuda, yada yangunyaka wakhe wamashumi mathathu anambini – ishumi elinambini leminyaka emva koko – mna ndawonye namawethu asizange sikutye ukutya okwakusisabelo somlawuli.