Nehemiah 5:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kananjalo emsebenzini woludonga ndazingisa ke; asatenga nanye intsimi: nazo zonke izicaka zam zazihlanganiselwa kona kulomsebenzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo ndabamba emsebenzini wolo donga; asithenganga masimi; onke amadodana akwam ayehlanganisene khona emsebenzini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ewe, ndawuqhuba umsebenzi wolu donga, yaye asithenganga mhlaba, yaye bonke abakhonzi bam bahlanganisana khona ukuze basebenze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndaweni yaloo nto mna ndazinikela ekwakheni udonga. Onke amadoda am ayehlanganela ukusebenza; asizange sizifunele mhlaba.