Nehemiah 5:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku oko obekulungiselwa imini nye, bekuyinkabi inye n egusha zintandatu eziketiweyo; kwandilungiselwa nentaka; napakati kwemihla elishumi zonke intlobo zeveyine ngokuninzi: noko ke isonka senkosi andisibizanga, ngenxa yokuba inkonzo ibinzima pezu kwababantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Into ebe ilungiselelwa imini enye yaba yinkomo, neegusha ezikhethiweyo ezintandathu, neentaka, bekusenzelwa mna;neentlobo zonke ezininzi zewayini ngeentsuku ezilishumi; kuloo nto andibizanga kudla kwabamba, ngokuba yayinzima inkonzo phezu kwaba bantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye bekulungiselelwa imini enye inkomo, neegusha ezikhethiweyo ezintandathu; kwaye iintaka zazilungiselelwa mna, kwaye kanye ngeentsuku ezilishumi, zonke iintlobo zewayini zaziqokelelwa; noko ke andisifunanga isonka serhuluneli, ngokuba ubukhoboka belunzima phezu kolu hlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngemini nganye ndandilungiselelwa inkabi yenkomo, iigusha ezintandathu ezikhethiweyo, neenkuku; kuze ke njalo ngeshumi leentsuku ndinikwe iindidi zonke zewayini ibe ninzi. Nakuba kunjalo ke, mna andizange ndikubize ukutya okusisabelo somlawuli, kuba ezi ndleko zaziluxanduva phezu kwabantu.