Nehemiah 5:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandisiti kubo: Tina, ngamandla etu, sibakulule abazalwana betu ama‐Juda, abebetengisiwe kubo abaheyideni; kanene nina, seniya kutengisa ngabazalwana benu na? baya kutengiswa kuti ke na? Baza bati cwaka, bengafumani nto yokupendula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndathi kubo, Thina, ngangoko sinako, sibathengile sabakhulula abazalwana bethu amaYuda, ebe kuthengiswe ngabo kwiintlanga. Niya kusuka ke nina nithengise na ngabazalwana benu, ukuze bathengise ngeziqu zabo kuthi? Bathi cwaka, abafumana lizwi lakuphendula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi ke kubo, Sibakhulule, njengoko sinako, abazalwana bethu amaYuda, ebe kuthengiswe ngabo kwiintlanga; kwaye ungathengisa nabantakwenu? okanye ziza kuthengiswa kuthi? Bathe cwaka ke, abafumana nto yokuphendula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndathi: “Senze unako-nako sawakhulula ngokuwathenga amawethu angamaJuda awayethengiswe kwiintlanga. Ngoku ke nina nithengisa ngabo abantakwenu, nisenzela ukuba baphinde bathengiswe kwakuthi.” Kwathi cwaka ke, kuba babengenayo indlela yokuziphendulela.