Nehemiah 6:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandula ndangena endlwini ka‐Shemaya, unyana ka‐Delaya, unyana ka‐Mehetabele, obevalelwa; wayesiti yena: Masihlangane endlwini katixo, ngapakati kwetempile, sivale ingcango zetempile; ngokuba beya kuza ukukubulala; ewe ebusuku boza ukukubulala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndaya endlwini kaShemaya unyana kaDelaya, unyana kaMehetabheli, evalelwe; wathi, Masihlangane endlwini kaThixo, ngaphakathi kwetempile, sizivale iingcango zetempile leyo;ngokuba baza kukubulala; ebusuku baya kuza kukubulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndangena endlwini kaShemaya unyana kaDelaya, unyana kaMehetabheli, elugcinweni; Wathi, Masihlangane endlwini kaThixo, ngaphakathi kwetempile, sivale iingcango zetempile, ngokuba baza kukubulala; ewe, ebusuku baya kuza kukubulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenye imini ndaya endlwini kaShemaya unyana kaDelaya kaMetabheli owayezivalele emzini wakhe. Waza ke wathi: “Masiye kuhlangana endlwini kaThixo, singene ngaphakathi, sivale iingcango, kuba kukho abantu abafuna ukukubulala; ewe, baza kukubulala ngobusuku.”