Nehemiah 6:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndati ke: Indoda enjengam iya kusaba na? ngubanina ke, enjengam, oya kungena etempileni ukuba ahlale ebomini? Andiyi kungena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi, Kubaleke indoda enjengam nje na? Yiyiphi na enjengam eya kungena etempileni isinde? Andiyi kungena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi ke, Kubaleke indoda enjengam na? ngubani na onjengam onako ukungena etempileni, ukuba asisindise umphefumlo wakhe? Andiyi kungena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ndathi apho kuye: “Uthi ingaze ibaleke indoda enjengam nje? Okanye ke uthi ndingade ndiye kungena endlwini kaThixo ukusindisa ubomi bam? Hayi bo! Andiy' apho!”