Nehemiah 6:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndaqiqa, kekaloku bona ke, utixo ebengamtumanga; koko wasitetayo esisiprofitesho ngakum, ngokuba ebeqeshiwe ngu‐Tobiya no‐Sanebalati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndaqonda: O! AsinguThixo lo umthumileyo; isiprofeto esi usithethe ngam ngokuqeshwa nguSanebhalati noTobhiya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, ndaqonda ukuba uThixo akamthumanga; Uthethe esi siprofeto nxamnye nam, ngokuba ebeqeshwe nguTobhiya noSanebhalati.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ndayiqonda into yokuba akathunywanga nguThixo, koko undishumayeza ezi zinto kuba ethengwe nguTobhiya noSanebhalati.