Nehemiah 6:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kumbula, Tixo wam! u‐Tobiya no‐Sanebalati njengazo ezizenzo zabo; kwa naye u‐Nohadiya umprofitekazi, nabanye abaprofite, abandoyikisileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakhumbule, Thixo wam, ooTobhiya noSanebhalati ngokwezo zenzo zabo, kwanoNowadiya umprofetikazi, nabanye abaprofeti ababendoyikisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakhumbule, Thixo wam, ooTobhiya noSanebhalati ngokwezenzo zabo, nangomprofetikazi uNowadiya nabanye abaprofeti ababendoyikisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Awu, Thixo wam, uze ubakhumbule ooTobhiya noSanebhalati ngale nto bayenzileyo; ungamlibali nomshumayelikazi uNowadiya nabo bonke abashumayeli abazama ukundigrogrisa.