Nehemiah 6:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, xeshekweni bekuviwa ngabo bonke abazintshaba zetu, na xeshekweni bekubonwa ngabo bonke abaheyideni abasingqongayo, bandula bawa kakulu kwawabo amehlo: ngokuba bebesazi ukuba lomsebenzi ube wenziwe ngutixo wetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi zakukuva oko iintshaba zethu zonke, zoyika zonke iintlanga ezisijikelezileyo, zetha amandla emehlweni azo, zazi ukuba kuvele kuThixo wethu ukwenziwa kwalo msebenzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi zakukuva oko iintshaba zethu zonke, zakubona oko zonke iintlanga ezisijikelezileyo, zawa emehlweni azo, ngokuba zibonile ukuba lo msebenzi ubewenziwe nguThixo wethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zithe ke iintshaba zethu zakuziva ezi ndaba, ndawonye nezizwe ezingabamelwana ezazibona ngamehlo, suka zaphelelwa kukuzithemba kwazo, kuba kaloku ziqonda ukuba lo msebenzi wenziwe ngoncedo lukaThixo wethu.